Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 9:13-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Ke ndithi kuni, Ufikile uEliya, baza benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko kubhaliweyo ngaye.

14. Akufika kubafundi, wabona isihlwele esikhulu sibaphahlile, nababhali bebuzana nabo.

15. Sathi kwaoko sonke isihlwele sakumbona saqhiphuka umbilini; beza kuye ngokubaleka, bambulisa.

16. Wababuza ababhali, esithi, Nibuzana ntoni na nabo?

17. Waphendula omnye wasesihlweleni wathi, Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, enomoya ongathethiyo;

18. apho uthe wamqubula khona, uyamntlala, aze alephuze amagwebu, atshixize amazinyo akhe, asuke ome; ndithethé kubafundi bakho ukuba bawukhuphe; bakhohlwa.

funda isahluko epheleleyo Umarko 9