Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 9:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wayesithi kubo, Inene ndithi kuni, Kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa bona, bade babubone ubukumkani bukaThixo busiza ngamandla.

2. Uthi uYesu, emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros noYakobi noYohane, abanyuse baye entabeni ende ngasese, bebodwa. Waza wenziwa wakumila kumbi phambi kwabo.

3. Zasuka neengubo zakhe zabengezela, zamhlophe kunene njengekhephu, ekungekho mchazi wangubo emhlabeni apha unako ukuzenza mhlophe kangako.

4. Kwabonakala kubo uEliya enoMoses; baye bethetha noYesu.

5. Uthi aphendule uPetros athi kuYesu, Rabhi,* kuhle ukuba sibe lapha; masenze iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya.

6. Kuba ubengayazi into abengayithethayo; kuba bebesoyika kakhulu.

7. Kwabakho ilifu elibenzela ithinzi; kweza nezwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena.

8. Bakuthi ukusingasinga, ababa sabona mntu, babona selinguYesu yedwa onabo.

9. Ke kaloku, bakubon' ukuba bayehla entabeni apho, wabayala ukuba bangazityeli bani ezo zinto bazibonileyo, kungaba kude kube kuxa athe wavuka kwabafileyo uNyana woMntu.

10. Elo zwi balibamba lakubo bodwa bebuzana ukuba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na.

funda isahluko epheleleyo Umarko 9