Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 8:7-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Baye beneentlanzana ezimbalwa; akuba esikelele, wathi mazibekwe phambi kwabo nazo.

8. Badla ke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe.

9. Ke kaloku abo babesidla ngathi babemawaka mané; wabandulula.

10. Wangena kwaoko emkhombeni, nabafundi bakhe, weza emacaleni aseDalmanuta.

11. Baphuma abaFarisi baqala ukubuzana naye, befuna kuye umqondiso ovela emazulwini, bemlinga.

12. Encwinile kanzulu ngomoya wakhe, athi, Yini na ukuba esi sizukulwana singxamele umqondiso? Inene ndithi kuni, Unakanye ukuba sinikwe umqondiso esi sizukulwana.

13. Wabashiya, wabuya wangena emkhombeni, wemka waya ngaphesheya.

14. Baye belibele ukuphatha izonka; babengenanto banayo emkhombeni, ngaphandle kwesonka esinye.

15. Wabayala esithi, Ligqaleni, nililumkele, igwele labaFarisi, negwele likaHerode.

16. Baye becamanga besitshono ukuthi, Kungokuba singenazonka.

17. Ekwazi oko uYesu, athi kubo, Yini na ukuba nicamange, ngokuba ningenazonka? Anikaqiqi na, anikaqondi na?

funda isahluko epheleleyo Umarko 8