Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 8:32-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. Elo zwi wayelithetha ngokungafihlisiyo. UPetros wamthabathela kuye, waqala ukumkhalimela.

33. Uthe ke yena, ejikile, wabakhangela abafundi bakhe, wamkhalimela uPetros, esithi, Suka uye emva kwam, Sathana;* ngokuba ungàzinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekele ezabantu.

34. Esibizele kuye isihlwele, kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Osukuba ethanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele ke.

35. Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke yena othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi, wowusindisa.

36. Kuba komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ngumphefumlo wakhe?

37. Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe?

38. Kuba othe waneentloni ngam nangamazwi am, kwesi sizukulwana sikrexezayo, sonayo, naye uNyana woMntu woba neentloni ngaye, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.

funda isahluko epheleleyo Umarko 8