Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 8:3-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. ukuba ndithe ndabandulula baya emakhayeni abo bengadlanga, botyhafa endleleni; kuba inxenye yabo ivela kude.

4. Bamphendula abafundi bakhe, besithi, Wókuzuza phi na umntu ukuba nako ukubahluthisa aba ngezonka, entlango apha?

5. Wayebabuza esithi, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe.

6. Wasithethela isihlwele ukuba sihlale phantsi emhlabeni. Wazithabatha izonka zosixhenxe, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, ukuze babeke phambi kwabo; babeka ke phambi kwaso isihlwele.

7. Baye beneentlanzana ezimbalwa; akuba esikelele, wathi mazibekwe phambi kwabo nazo.

8. Badla ke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe.

9. Ke kaloku abo babesidla ngathi babemawaka mané; wabandulula.

10. Wangena kwaoko emkhombeni, nabafundi bakhe, weza emacaleni aseDalmanuta.

11. Baphuma abaFarisi baqala ukubuzana naye, befuna kuye umqondiso ovela emazulwini, bemlinga.

12. Encwinile kanzulu ngomoya wakhe, athi, Yini na ukuba esi sizukulwana singxamele umqondiso? Inene ndithi kuni, Unakanye ukuba sinikwe umqondiso esi sizukulwana.

13. Wabashiya, wabuya wangena emkhombeni, wemka waya ngaphesheya.

14. Baye belibele ukuphatha izonka; babengenanto banayo emkhombeni, ngaphandle kwesonka esinye.

funda isahluko epheleleyo Umarko 8