Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 8:24-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Yaza yakhangela phezulu yathi, Ndiyababona abantu; kuba ndibanakana behamba, ngathi yimithi.

25. Wabuya wazibeka izandla phezu kwamehlo ayo, wayikhangelisa phezulu; yabuya yaphila, yababona bonke kakuhle.

26. Uthe ayithumele endlwini yayo, esithi, Uze ungangeni kuwo umzi, ungathethi nakubani kuwo umzi.

27. Waphuma uYesu nabafundi bakhe, waya emizini yaseKesareya kaFilipu; waye endleleni ebabuza abafundi bakhe, esithi kubo, Kuthiwa ngabantu ndingubani na mna?

28. Baphendula ke bona ngokuthi, Bathi ùnguYohane umbhaptizi; abanye bathi ùnguEliya; bambi ke bathi ùngomnye wabaprofeti.

29. Athi yena kubo, Ke nina nithi ndingubani na? Aphendule ke uPetros athi kuye, Wena unguye uKristu.*

30. Wabakhalimela ukuba bangaxeleli bani ngaye.

31. Waqala ukubafundisa, okokuba uNyana woMntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu, alahlwe ngawo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu nababhali, abulawe, athi emveni kweentsuku ezintathu abuye avuke.

32. Elo zwi wayelithetha ngokungafihlisiyo. UPetros wamthabathela kuye, waqala ukumkhalimela.

33. Uthe ke yena, ejikile, wabakhangela abafundi bakhe, wamkhalimela uPetros, esithi, Suka uye emva kwam, Sathana;* ngokuba ungàzinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekele ezabantu.

34. Esibizele kuye isihlwele, kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Osukuba ethanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele ke.

35. Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke yena othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi, wowusindisa.

36. Kuba komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ngumphefumlo wakhe?

funda isahluko epheleleyo Umarko 8