20. Okuyá ke ezisixhenxe ndaziqhekezela amawaka amané, zazingaphi na iingobozi zizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi ke, Zazisixhenxe.
21. Wayesithi kubo, Phofu yini na ukuba ningaqondi?
22. Uthi aze kufika eBhetesayida; bazise imfama kuye, bambongoze ukuba ayichukumise.
23. Uthe, eyibambe ngesandla imfama, wayirholela ngaphandle komzi; watshica emehlweni ayo, wabeka izandla phezu kwayo, wayibuza ukuba ibona nto na?
24. Yaza yakhangela phezulu yathi, Ndiyababona abantu; kuba ndibanakana behamba, ngathi yimithi.
25. Wabuya wazibeka izandla phezu kwamehlo ayo, wayikhangelisa phezulu; yabuya yaphila, yababona bonke kakuhle.
26. Uthe ayithumele endlwini yayo, esithi, Uze ungangeni kuwo umzi, ungathethi nakubani kuwo umzi.
27. Waphuma uYesu nabafundi bakhe, waya emizini yaseKesareya kaFilipu; waye endleleni ebabuza abafundi bakhe, esithi kubo, Kuthiwa ngabantu ndingubani na mna?
28. Baphendula ke bona ngokuthi, Bathi ùnguYohane umbhaptizi; abanye bathi ùnguEliya; bambi ke bathi ùngomnye wabaprofeti.
29. Athi yena kubo, Ke nina nithi ndingubani na? Aphendule ke uPetros athi kuye, Wena unguye uKristu.*