Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 8:17-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Ekwazi oko uYesu, athi kubo, Yini na ukuba nicamange, ngokuba ningenazonka? Anikaqiqi na, anikaqondi na?

18. Isaqaqadekile na intliziyo yenu? Ninamehlo nje, aniboni na? Nineendlebe nje, aniva na? Anikhumbuli na?

19. Okuyá ndaqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu, zaye zingaphi na izitya ezizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi kuye, Zazilishumi elinazibini.

20. Okuyá ke ezisixhenxe ndaziqhekezela amawaka amané, zazingaphi na iingobozi zizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi ke, Zazisixhenxe.

21. Wayesithi kubo, Phofu yini na ukuba ningaqondi?

22. Uthi aze kufika eBhetesayida; bazise imfama kuye, bambongoze ukuba ayichukumise.

23. Uthe, eyibambe ngesandla imfama, wayirholela ngaphandle komzi; watshica emehlweni ayo, wabeka izandla phezu kwayo, wayibuza ukuba ibona nto na?

24. Yaza yakhangela phezulu yathi, Ndiyababona abantu; kuba ndibanakana behamba, ngathi yimithi.

25. Wabuya wazibeka izandla phezu kwamehlo ayo, wayikhangelisa phezulu; yabuya yaphila, yababona bonke kakuhle.

26. Uthe ayithumele endlwini yayo, esithi, Uze ungangeni kuwo umzi, ungathethi nakubani kuwo umzi.

funda isahluko epheleleyo Umarko 8