Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 8:14-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Baye belibele ukuphatha izonka; babengenanto banayo emkhombeni, ngaphandle kwesonka esinye.

15. Wabayala esithi, Ligqaleni, nililumkele, igwele labaFarisi, negwele likaHerode.

16. Baye becamanga besitshono ukuthi, Kungokuba singenazonka.

17. Ekwazi oko uYesu, athi kubo, Yini na ukuba nicamange, ngokuba ningenazonka? Anikaqiqi na, anikaqondi na?

18. Isaqaqadekile na intliziyo yenu? Ninamehlo nje, aniboni na? Nineendlebe nje, aniva na? Anikhumbuli na?

19. Okuyá ndaqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu, zaye zingaphi na izitya ezizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi kuye, Zazilishumi elinazibini.

20. Okuyá ke ezisixhenxe ndaziqhekezela amawaka amané, zazingaphi na iingobozi zizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi ke, Zazisixhenxe.

21. Wayesithi kubo, Phofu yini na ukuba ningaqondi?

funda isahluko epheleleyo Umarko 8