Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 7:25-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Kuba yathi yakumva intokazi entombazana ibinomoya ongcolileyo, yafika yawa ezinyaweni zakhe;

26. yaye ke kaloku intokazi leyo ingumGrikekazi, umSirofenikikazi ngokuzalwa. Yacela kuye ukuba ayikhuphe idemon entombini yayo.

27. Uthe ke uYesu kuyo, Khawuyeke kuhluthe abantwana kuqala; kuba akukuhle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni.

28. Yaphendula ke yathi kuye, Ewe, Nkosi; kuba nazo iinjana phantsi kwetafile zidla kwiimvuthuluka zabantwana.

29. Wathi kuyo, Ngenxa yelo zwi, hamba; idemon iphumile entombini yakho.

30. Yesuka yaya endlwini yayo, yafumana iphumile idemon, intombi ilele phezu kwesingqengqelo.

31. Uthe wabuya waphuma emideni yaseTire neyaseTsidon, weza kulwandle lwaseGalili, ecanda phakathi kwemida yaseDekapoli.

32. Bazìsa ke isithulu esithintithayo, bambongoza ukuba abeke isandla phezu kwaso.

33. Wasishenxisa esihlweleni sasodwa, wafaka iminwe yakhe ezindlebeni zaso, wathi etshicile,

34. wachukumisa ulwimi lwaso, wakhangela ezulwini, wancwina, wathi kuso, Efata, oko kukuthi, Vuleka.

35. Zavuleka kwaoko iindlebe zaso, zacombuluka iingqambu zolwimi lwaso, sathetha salungisa.

36. Wabayala ukuba mabangaxeleli bani; kodwa okukhona wabayalayo, kwaba kukhona bakuvakalisa ngakumbi.

37. Bakhwankqiswa ngokuncamisileyo kanye, besithi, Úzenze iinto zonke kakuhle; uzenza nezithulu zive, nabangenakuthetha bathethe.

funda isahluko epheleleyo Umarko 7