Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 7:19-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Ngokuba akungeni khona entliziyweni yakhe; kungena esiswini; ize kuphume kuye endaweni esese, ezihlambululayo zonke izidlo.

20. Wayesithi ke, Into ephumayo emntwini, yiyo leyo emenza inqambi umntu;

21. kuba ngaphakathi, kuyo intliziyo yomntu, kuphuma izicamango ezibi, ookukrexeza, oomibulo, ookubulala,

22. oobusela, ookubawa, okungendawo, iinkohliso, uburheletyo, umona, ukunyelisa, ukukratsha, ukuswela kuqonda;

23. zonke ezi zinto zingendawo ziphuma ngaphakathi, zimenze inqambi umntu.

24. Esukile apho ke, waya emideni yaseTire neyaseTsidon. Wangena endlwini, wanga akungàziwa mntu; akaba nako ukufihlakala noko.

25. Kuba yathi yakumva intokazi entombazana ibinomoya ongcolileyo, yafika yawa ezinyaweni zakhe;

26. yaye ke kaloku intokazi leyo ingumGrikekazi, umSirofenikikazi ngokuzalwa. Yacela kuye ukuba ayikhuphe idemon entombini yayo.

27. Uthe ke uYesu kuyo, Khawuyeke kuhluthe abantwana kuqala; kuba akukuhle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni.

28. Yaphendula ke yathi kuye, Ewe, Nkosi; kuba nazo iinjana phantsi kwetafile zidla kwiimvuthuluka zabantwana.

29. Wathi kuyo, Ngenxa yelo zwi, hamba; idemon iphumile entombini yakho.

funda isahluko epheleleyo Umarko 7