Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 7:15-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. akukho nto ingaphandle komntu ethi ingena kuye ibe nako ukumenza inqambi; zizinto eziphumayo kuye ezimenza inqambi umntu.

16. Ukuba ubani uneendlebe zokuva, makeve.

17. Baye ke, xa ebengene endlwini, evela kuyo indimbane, bembuza abafundi bakhe umzekeliso lowo.

18. Athi kubo, Nikwanje nani na ukuswela ingqondo? Aniqiqi na, ukuba konke okungaphandle, okuthi kungene emntwini, akunako ukumenza inqambi?

19. Ngokuba akungeni khona entliziyweni yakhe; kungena esiswini; ize kuphume kuye endaweni esese, ezihlambululayo zonke izidlo.

20. Wayesithi ke, Into ephumayo emntwini, yiyo leyo emenza inqambi umntu;

21. kuba ngaphakathi, kuyo intliziyo yomntu, kuphuma izicamango ezibi, ookukrexeza, oomibulo, ookubulala,

22. oobusela, ookubawa, okungendawo, iinkohliso, uburheletyo, umona, ukunyelisa, ukukratsha, ukuswela kuqonda;

23. zonke ezi zinto zingendawo ziphuma ngaphakathi, zimenze inqambi umntu.

24. Esukile apho ke, waya emideni yaseTire neyaseTsidon. Wangena endlwini, wanga akungàziwa mntu; akaba nako ukufihlakala noko.

25. Kuba yathi yakumva intokazi entombazana ibinomoya ongcolileyo, yafika yawa ezinyaweni zakhe;

26. yaye ke kaloku intokazi leyo ingumGrikekazi, umSirofenikikazi ngokuzalwa. Yacela kuye ukuba ayikhuphe idemon entombini yayo.

27. Uthe ke uYesu kuyo, Khawuyeke kuhluthe abantwana kuqala; kuba akukuhle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni.

28. Yaphendula ke yathi kuye, Ewe, Nkosi; kuba nazo iinjana phantsi kwetafile zidla kwiimvuthuluka zabantwana.

29. Wathi kuyo, Ngenxa yelo zwi, hamba; idemon iphumile entombini yakho.

30. Yesuka yaya endlwini yayo, yafumana iphumile idemon, intombi ilele phezu kwesingqengqelo.

31. Uthe wabuya waphuma emideni yaseTire neyaseTsidon, weza kulwandle lwaseGalili, ecanda phakathi kwemida yaseDekapoli.

funda isahluko epheleleyo Umarko 7