Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 6:5-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wayengenako ukwenza namnye umsebenzi wamandla khona apho, kwakuphela ukubeka izandla phezu kwemilwelwe embalwa, wayiphilisa.

6. Wamangaliswa kukungakholwa kwabo.Wayeyihambahamba imizana ejikeleza, efundisa.

7. Ubabizele kuye abalishumi elinababini, waqala ukubathuma ngababini, ngababini; wayebanika igunya koomoya abangcolileyo;

8. wabathethela ngelithi, mabangaphathi nto yandlela, ibe ngumsimelelo wodwa; bangaphathi ngxowa, nasonka, namali embhinqweni;

9. bathi kodwa banxibe izixathula; bangambathi neengubo zangaphantsi ngambini.

10. Wayesithi kubo, Apho nithe nangena endlwini, hlalani khona nide nimke kuloo ndawo.

11. Abo sukuba benganamkeli, benganiva nokuniva, nakuphuma kuloo ndawo, vuthululani uthuli oluphantsi kweenyawo zenu, kube bubungqina oko kubo. Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okweSodom nokweGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi.

12. Baphuma bavakalisa ukuba mabaguquke abantu.

13. Bakhupha needemon ezininzi, bayithambisa ngeoli imilwelwe emininzi, beyiphilisa.

14. Ke kaloku wakúva oko ukumkani uHerode (kuba igama lakhe lalithe laduma); wayesithi, Uvukile kwabafileyo uYohane umbhaptizi; ngenxa yoko le misebenzi yamandla iyenzeka ngaye.

15. Baye abanye besithi, NguEliya; baye ke abanye besithi, Ngumprofeti, nokuba ufana nomnye wakubaprofeti.

16. Ekuvile ke oko uHerode, wathi, Lo nguYohane, lowa ndamnqamla intloko mna; uvukile kwabafileyo.

17. Kuba uHerode ngokwakhe wabethé wathuma, wambamba uYohane, wambopha entolongweni, ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu umzalwana wakhe; kuba ebemzekile.

funda isahluko epheleleyo Umarko 6