Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 6:44-56 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

44. Baye abo babezidla izonka ezo bekumawaka omahlanu amadoda.

45. Wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, lo gama asindululayo isihlwele yena.

46. Akuba ebulisene nabo, wemka waya kuthandaza entabeni.

47. Ke kaloku, kwakuhlwa, umkhombe ubuphakathi elwandle, waye yena eyedwa emhlabeni.

48. Wababona bebulaleka ekuqhubeni; kuba umoya ububavele ngaphambili. Athi ngolwesiné ulindo lobusuku eze kubo, ehamba phezu kolwandle; wanga uza kugqitha kubo.

49. Bathi ke, bakumbona ehamba phezu kolwandle, baba ngumshologu, bakhala; kuba bonke bambona, bakhathazeka.

50. Wathetha kwaoko nabo, wathi kubo, Yomelelani; ndim; musani ukoyika.

51. Wenyuka waya kubo emkhombeni, wadamba umoya. Bathi nqa ngaphakathi kwabo ngokuncamisileyo kunene, bamangaliswa;

52. kuba bengakuqondanga okwezonka; kuba intliziyo yabo yabe iqaqadekile.

53. Bakuphumela, bafika ezweni laseGenesarete, batsalela elunxwemeni.

54. Bakuphuma emkhombeni, bamazi kwaoko abantu;

55. bawubaleka wonke loo mmandla, baqala ukubathwala ngeenkuko abafayo, bebása apho babemva ukuba ukhona.

56. Nalapho sukuba ebengena khona, nokuba kusemzaneni, nokuba kusemzini, nokuba kusemaphandleni, babesithi, bababeke abafayo ezindaweni zembutho, bambongoze ukuba khe bachukumise intshinga yengubo yakhe. Baye ke besindiswa abasukuba bemchukumisa.

funda isahluko epheleleyo Umarko 6