Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 6:27-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Uthe kwaoko ukumkani wasusa umsiki, wamthethela ngelithi, mayiziswe intloko yakhe. Wesuka waya ke lowo, wamnqumla intloko entolongweni.

28. Wayizisa intloko yakhe ngesitya, wayinika intombazana leyo; yaza intombazana yayinika unina.

29. Bekuvile oko abafundi bakhe, beza basithabatha isidumbu sakhe, basibeka engcwabeni.

30. Bathi bahlanganisàna abapostile* kuYesu, bambikela iinto zonke, ezo babezenzile, kwanezo babezifundisile.

31. Wathi kubo, Yizani nina ngasese kwindawo eyintlango, niphumle kancinane; kuba bebaninzi abezayo nabemkayo; babengenalo ke nethutyana lokuba badle.

32. Bemka ngomkhombe ngasese, baya kwindawo eyintlango.

33. Isihlwele sababona bemka bathi abaninzi bamazi, babalekela khona ngeenyawo, bevela kuyo yonke imizi; babaphangela, bathuthelana kuye.

34. Uthe ke akuphuma uYesu, wabona isihlwele esikhulu; wasikwa yimfesane ngabo, ngokuba babenjengezimvu ezingenamalusi; waqala ukubafundisa iindawo ezininzi.

35. Kuthi kwakubon' ukuba seyihambile kakhulu imini, beze kuye abafundi bakhe, bathi, Le ndawo iyintlango, nemini seyihambile kakhulu;

36. bándulule bemke, baye emaphandleni ajikelezileyo nasemizaneni, bazithengele izonka; kuba bengenanto bangayidlayo.

37. Waphendula wathi kubo, Bapheni nina badle. Bathi kuye, Símke na siye kuthenga izonka ngeedenariyo* ezimakhulu mabini, sibaphe badle?

38. Úthi ke yena kubo, Izonka eninazo zingaphi na? Hambani niye kukhangela. Besazi, bathi, Zihlanu, neentlanzi ezimbini.

39. Wabathethela ngelithi, mababangqengqise bonke, babe ziziqhu ngeziqhu engceni eluhlaza.

40. Bahlala phantsi beziingcamba ngeengcamba ngamakhulu, nangamashumi ngamahlanu.

funda isahluko epheleleyo Umarko 6