Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 6:13-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Bakhupha needemon ezininzi, bayithambisa ngeoli imilwelwe emininzi, beyiphilisa.

14. Ke kaloku wakúva oko ukumkani uHerode (kuba igama lakhe lalithe laduma); wayesithi, Uvukile kwabafileyo uYohane umbhaptizi; ngenxa yoko le misebenzi yamandla iyenzeka ngaye.

15. Baye abanye besithi, NguEliya; baye ke abanye besithi, Ngumprofeti, nokuba ufana nomnye wakubaprofeti.

16. Ekuvile ke oko uHerode, wathi, Lo nguYohane, lowa ndamnqamla intloko mna; uvukile kwabafileyo.

17. Kuba uHerode ngokwakhe wabethé wathuma, wambamba uYohane, wambopha entolongweni, ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu umzalwana wakhe; kuba ebemzekile.

18. Kuba wayesithi uYohane kuHerode, Akuvumelekile ukuba ube nomfazi womzalwana wakho.

19. Ke kaloku uHerodiya waba nenqala ngakuye, wafuna ukumbulala; kodwa akabanga nako;

20. kuba uHerode wayemoyika uYohane, emazi ukuba uyindoda elilungisa, engcwele, wayemgcinile; wayesithi ke akumva, enze iindawo ezininzi, amve kamnandi.

21. Kwathi, kwakufika umhla owamlungelayo uHerodiya, xeshikweni uHerode ngemini yokuzalwa kwakhe wayezenzela isidlo izidwangube zakhe, nabathetheliwaka, namanene elaseGalili,

funda isahluko epheleleyo Umarko 6