Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 6:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Waphuma apho ke weza kwelakowabo; bamlandela abafundi bakhe.

2. Uthe kwakubakho isabatha, waqala ukufundisa endlwini yesikhungu; baza abaninzi, bakuva, bakhwankqiswa, besithi, Lo uzizuze phi na ezi zinto? Bubulumko buni na obu abunikiweyo, le nto nemisebenzi yamandla enjengale yenzekayo ngezandla zakhe?

3. Lo akayiyo na ingcibi yokwakha, unyana kaMariya, umzalwana ke kaYakobi noYose noYuda noSimon? Noodade babo àbakuthi apha na? Baye bekhubeka kuye.

4. Wayesithi ke uYesu kubo, Umprofeti akasweli mbeko, kungaba kukowabo, nakwizizalwana zakhe, nakokwabo.

5. Wayengenako ukwenza namnye umsebenzi wamandla khona apho, kwakuphela ukubeka izandla phezu kwemilwelwe embalwa, wayiphilisa.

6. Wamangaliswa kukungakholwa kwabo.Wayeyihambahamba imizana ejikeleza, efundisa.

funda isahluko epheleleyo Umarko 6