Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 6:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Waphuma apho ke weza kwelakowabo; bamlandela abafundi bakhe.

2. Uthe kwakubakho isabatha, waqala ukufundisa endlwini yesikhungu; baza abaninzi, bakuva, bakhwankqiswa, besithi, Lo uzizuze phi na ezi zinto? Bubulumko buni na obu abunikiweyo, le nto nemisebenzi yamandla enjengale yenzekayo ngezandla zakhe?

3. Lo akayiyo na ingcibi yokwakha, unyana kaMariya, umzalwana ke kaYakobi noYose noYuda noSimon? Noodade babo àbakuthi apha na? Baye bekhubeka kuye.

4. Wayesithi ke uYesu kubo, Umprofeti akasweli mbeko, kungaba kukowabo, nakwizizalwana zakhe, nakokwabo.

5. Wayengenako ukwenza namnye umsebenzi wamandla khona apho, kwakuphela ukubeka izandla phezu kwemilwelwe embalwa, wayiphilisa.

6. Wamangaliswa kukungakholwa kwabo.Wayeyihambahamba imizana ejikeleza, efundisa.

7. Ubabizele kuye abalishumi elinababini, waqala ukubathuma ngababini, ngababini; wayebanika igunya koomoya abangcolileyo;

8. wabathethela ngelithi, mabangaphathi nto yandlela, ibe ngumsimelelo wodwa; bangaphathi ngxowa, nasonka, namali embhinqweni;

9. bathi kodwa banxibe izixathula; bangambathi neengubo zangaphantsi ngambini.

10. Wayesithi kubo, Apho nithe nangena endlwini, hlalani khona nide nimke kuloo ndawo.

11. Abo sukuba benganamkeli, benganiva nokuniva, nakuphuma kuloo ndawo, vuthululani uthuli oluphantsi kweenyawo zenu, kube bubungqina oko kubo. Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okweSodom nokweGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi.

12. Baphuma bavakalisa ukuba mabaguquke abantu.

13. Bakhupha needemon ezininzi, bayithambisa ngeoli imilwelwe emininzi, beyiphilisa.

funda isahluko epheleleyo Umarko 6