Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 5:5-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ube ehlala ubusuku nemini esezintabeni nasemangcwabeni, ekhala, ezijeca ngamatye.

6. Uthe ke akumbona uYesu ekude, wagidima, waya waqubuda kuye,

7. wakhala ngezwi elikhulu, wathi, Yini na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiya kufungisa uThixo ukuba ungandithuthumbisi.

8. Kuba ebethe kuye, Phuma emntwini apho, moyandini ungcolileyo.

9. Wayembuza esithi, Ùngubani na wena igama? Waphendula esithi, NguMkhosi igama lam; kuba sibaninzi.

10. Waye ke embongoza kakhulu ukuba angabandululi bemke kwelo zwe.

11. Bekukho ke apho ngasezintabeni ugxuba olukhulu lweehagu lusidla.

12. Zambongoza zonke iidemon, zisithi, Sithumele ezihagwini, ukuze singene kuzo.

13. Wazivumela kwaoko uYesu. Baphuma ke oomoya abangcolileyo, baya kungena ezihagwini; lwaza ugxuba lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; zaye ke iihagu ezo ngathi zimawaka mabini; zarhaxwa elwandle apho.

14. Bathe ke abo babezalusa iihagu basaba, babika ekhaya nasemaphandleni. Baphuma ke baya kuyibona loo nto ihlileyo, ukuba iyintoni na.

15. Bafíke kuYesu, bambone obephethwe ziidemon, lowo ke wayenomkhosi, ehleli, ambathisiwe, enengqondo ephilileyo; baza boyika.

funda isahluko epheleleyo Umarko 5