Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 5:28-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. kuba ibisithi, Ukuba ndithe ndachukumisa neengubo zakhe ezi, ndosindiswa.

29. Watsha kwaoko umthombo wegazi layo; yeva emzimbeni wayo ukuba iphilisiwe kweso sibetho.

30. UYesu, ethe kwaoko wawazi ngaphakathi kwakhe amandla aphume kuye, wajika esendimbaneni, wathi, Ngubani na ochukumise iingubo zam?

31. Bathi kuye abafundi bakhe, Ubona nje ukuba isihlwele sikuxinile, utsho na ukuthi, Ngubani na ondichukumisileyo?

32. Wasingasinga, ukuba ambone lowo uyenzileyo le nto.

33. Ithe ke intokazi leyo, isoyika, igubha, ikwazi oko kwenzekileyo kuyo, yeza yawa phantsi kuye, yamxelela inyaniso yonke.

34. Wathi ke kuyo, Ntombi yam, ukholo lwakho lukusindisile; hamba unoxolo, phila kweso sibetho sakho.

35. Kuthi esathetha yena, kufike abakulomphathi wendlu yesikhungu, besithi, Intombi yakho ifile; usamkhathazelani na uMfundisi?

36. Aze kwaoko uYesu, elivile elo zwi lithethwa, athi kumphathi wendlu yesikhungu, Musa ukoyika, kholwa kodwa wena.

37. Akavumela mntu ukuba alandelane naye, kwakuphela nguPetros noYakobi noYohane, umzalwana kaYakobi.

38. Afike endlwini yomphathi wendlu yesikhungu, abone isiphithiphithi, abalilayo nabenza isijwili esikhulu.

39. Akungena uthi kubo, Yini na ukuba niphithizele nilile? Akafile umntwana, ulele.

funda isahluko epheleleyo Umarko 5