Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 5:13-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Wazivumela kwaoko uYesu. Baphuma ke oomoya abangcolileyo, baya kungena ezihagwini; lwaza ugxuba lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; zaye ke iihagu ezo ngathi zimawaka mabini; zarhaxwa elwandle apho.

14. Bathe ke abo babezalusa iihagu basaba, babika ekhaya nasemaphandleni. Baphuma ke baya kuyibona loo nto ihlileyo, ukuba iyintoni na.

15. Bafíke kuYesu, bambone obephethwe ziidemon, lowo ke wayenomkhosi, ehleli, ambathisiwe, enengqondo ephilileyo; baza boyika.

16. Abo babeyibonile le nto babacokisela, ukuba kuthekeni na kobephethwe ziidemon; kwanokweehagu.

17. Baqala ukumbongoza ukuba emke emideni yabo.

18. Akubon' ukuba ungene emkhombeni, wathi lowo ubephethwe ziidemon wambongoza ukuba abe naye.

19. Kodwa uYesu akamvumelanga. Usuke wathi kuye, Hamba, uye endlwini yakho kwabakowenu, ubabikele oko zingako ukuba zinkulu izinto ekwenzele zona iNkosi, yaba nenceba engaka kuwe.

20. Wemka, waqala ukuzivakalisa eDekapoli oko zingako ukuba zinkulu izinto uYesu abemenzele zona; bamangaliswa bonke.

21. Ke kaloku, akubon' ukuba uYesu uwelile ngomkhombe, wabuya weza kwelinye icala, kwahlanganisana kuye isihlwele esikhulu; waye engaselwandle apho.

22. Kubonakele kusiza omnye wakubaphathi bendlu yesikhungu, ogama linguYayiro; athi akumbona, awe ezinyaweni zakhe,

23. ambongoze kunene, esithi, Intombazana yam isindekile; khawuze uzibeke izandla phezu kwayo, ukuze isindiswe; yophila.

24. Wesuka wahamba naye; yaye indimbane enkulu imlandela, imxinile.

25. Intokazi ethile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini,

26. eyayive ubunzima obuninzi kumagqirha amaninzi, eyayidleke konke ebinako, ingasizakali lutho, imana ukuba mandundu:

27. yathi yakuva ngaye uYesu, yeza phakathi kwesihlwele ngasemva, yayichukumisa ingubo yakhe;

28. kuba ibisithi, Ukuba ndithe ndachukumisa neengubo zakhe ezi, ndosindiswa.

29. Watsha kwaoko umthombo wegazi layo; yeva emzimbeni wayo ukuba iphilisiwe kweso sibetho.

30. UYesu, ethe kwaoko wawazi ngaphakathi kwakhe amandla aphume kuye, wajika esendimbaneni, wathi, Ngubani na ochukumise iingubo zam?

31. Bathi kuye abafundi bakhe, Ubona nje ukuba isihlwele sikuxinile, utsho na ukuthi, Ngubani na ondichukumisileyo?

32. Wasingasinga, ukuba ambone lowo uyenzileyo le nto.

33. Ithe ke intokazi leyo, isoyika, igubha, ikwazi oko kwenzekileyo kuyo, yeza yawa phantsi kuye, yamxelela inyaniso yonke.

funda isahluko epheleleyo Umarko 5