Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 5:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Bafika phesheya kolwandle kummandla wabaseGadara.

2. Akuba ephumile emkhombeni, wahlangatyezwa kwaoko ngumntu onomoya ongcolileyo,

3. ephuma emangcwabeni, obehlala emangcwabeni apho. Kwaye kungekho bani unako ukumbopha nangemixokelelwane;

4. ngenxa yokuba wayebotshwe futhi ngamakhamandela nangemixokelelwane, asuke ayijace yena imixokelelwane, awakroboze namakhamandela; kwaye kungekho bani unamandla okumdambisa.

5. Ube ehlala ubusuku nemini esezintabeni nasemangcwabeni, ekhala, ezijeca ngamatye.

6. Uthe ke akumbona uYesu ekude, wagidima, waya waqubuda kuye,

funda isahluko epheleleyo Umarko 5