Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 4:33-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. Wayelithetha kubo ilizwi ngemizekeliso emininzi enjalo, njengoko baye benako ukuva.

34. Ubengathethi ke kubo kungengamzekeliso; ke ubesithi, bakuba bodwa, abacombululele iindawo zonke abafundi bakhe.

35. Athi kubo kwangaloo mini, kwakuhlwa, Masiwele siye ngaphesheya.

36. Besindulule isihlwele, bamthabatha esemkhombeni njalo; kwaye ke kukho eminye imikhonjana inaye.

37. Kwabakho uqhwithela olukhulu lomoya; aye ke amaza ephoseka emkhombeni, abetha wafuna ukuzala kwangoku.

38. Waye yena esesinqeni somkhombe, elele ubuthongo phezu komqamelo; bamvuse, bathi kuye, Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje?

funda isahluko epheleleyo Umarko 4