Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 4:2-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Wayebafundisa iindawo ezininzi ngemizekeliso.Ubesithi kubo ekubafundiseni kwakhe, Phulaphulani;

3. yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela;

4. kwathi ekuhlwayeleni kwakhe, inxalenye yembewu yawa ngasendleleni, zeza iintaka zezulu zayidla zayigqiba.

5. Enye yawa endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba mninzi; yantshula ke kwaoko, ngenxa yokuba ibingenabunzulu bamhlaba;

6. ithe ke, lakuphuma ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenangcambu, yoma kwaphela.

7. Yimbi yawa emithaneni enameva; yakhula imithana enameva yayiminxa; ayanika siqhamo.

8. Yimbi yawa kuwo wona umhlaba omhle, yanika isiqhamo esakhulayo sachuma; yathwala amashumi amathathu enye, namashumi amathandathu enye, nekhulu enye.

9. Wathi kubo, Lowo uneendlebe zokuva makeve.

10. Ke kaloku, xa abeyedwa, abo babemphahlile, ndawonye nabalishumi elinababini, bambuza umzekeliso lowo.

11. Wathi kubo, Nikuphiwe nina ukuyazi imfihlelo yobukumkani bukaThixo; ke kwabo bangaphandle zonke izinto ezi zibakho ngemizekeliso;

12. ukuze bebona nje, babone bangaqiqi; besiva nje, beve bangaqondi; hleze babuye, zebaxolelwe izono zabo.

13. Athi kubo, Aniwazi na lo mzekeliso? Nòthini na ke ukuyazi imizekeliso yonke?

14. Umhlwayeli lo uhlwayela ilizwi.

15. Abo ke bangasendleni, apho ilizwi lihlwayelwa khona, ngaba kuthi, xa bathe beva, afike kwaoko uSathana, alithabathe ilizwi elihlwayelweyo ezintliziyweni zabo.

16. Ngokunjalo abo bahlwayelwayo ezindaweni ezilulwalwa ngabathi, xa bathe baliva ilizwi, balamkele kwaoko bevuya;

17. babe bengenangcambu ngaphakathi kwabo, beme umzuzwana kodwa; bathi kamva, kwakuhla imbandezelo, nokuba yintshutshiso, ngenxa yelizwi, bakhutyekiswe kwaoko.

funda isahluko epheleleyo Umarko 4