Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 4:2-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Wayebafundisa iindawo ezininzi ngemizekeliso.Ubesithi kubo ekubafundiseni kwakhe, Phulaphulani;

3. yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela;

4. kwathi ekuhlwayeleni kwakhe, inxalenye yembewu yawa ngasendleleni, zeza iintaka zezulu zayidla zayigqiba.

5. Enye yawa endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba mninzi; yantshula ke kwaoko, ngenxa yokuba ibingenabunzulu bamhlaba;

6. ithe ke, lakuphuma ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenangcambu, yoma kwaphela.

7. Yimbi yawa emithaneni enameva; yakhula imithana enameva yayiminxa; ayanika siqhamo.

8. Yimbi yawa kuwo wona umhlaba omhle, yanika isiqhamo esakhulayo sachuma; yathwala amashumi amathathu enye, namashumi amathandathu enye, nekhulu enye.

9. Wathi kubo, Lowo uneendlebe zokuva makeve.

10. Ke kaloku, xa abeyedwa, abo babemphahlile, ndawonye nabalishumi elinababini, bambuza umzekeliso lowo.

11. Wathi kubo, Nikuphiwe nina ukuyazi imfihlelo yobukumkani bukaThixo; ke kwabo bangaphandle zonke izinto ezi zibakho ngemizekeliso;

12. ukuze bebona nje, babone bangaqiqi; besiva nje, beve bangaqondi; hleze babuye, zebaxolelwe izono zabo.

funda isahluko epheleleyo Umarko 4