Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 4:13-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Athi kubo, Aniwazi na lo mzekeliso? Nòthini na ke ukuyazi imizekeliso yonke?

14. Umhlwayeli lo uhlwayela ilizwi.

15. Abo ke bangasendleni, apho ilizwi lihlwayelwa khona, ngaba kuthi, xa bathe beva, afike kwaoko uSathana, alithabathe ilizwi elihlwayelweyo ezintliziyweni zabo.

16. Ngokunjalo abo bahlwayelwayo ezindaweni ezilulwalwa ngabathi, xa bathe baliva ilizwi, balamkele kwaoko bevuya;

17. babe bengenangcambu ngaphakathi kwabo, beme umzuzwana kodwa; bathi kamva, kwakuhla imbandezelo, nokuba yintshutshiso, ngenxa yelizwi, bakhutyekiswe kwaoko.

18. Abo bahlwayelwayo emithaneni enameva ngaba, bathi balive ilizwi;

19. aze amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, neenkanuko zezinye izinto, zingène ziliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo.

funda isahluko epheleleyo Umarko 4