Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 4:10-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ke kaloku, xa abeyedwa, abo babemphahlile, ndawonye nabalishumi elinababini, bambuza umzekeliso lowo.

11. Wathi kubo, Nikuphiwe nina ukuyazi imfihlelo yobukumkani bukaThixo; ke kwabo bangaphandle zonke izinto ezi zibakho ngemizekeliso;

12. ukuze bebona nje, babone bangaqiqi; besiva nje, beve bangaqondi; hleze babuye, zebaxolelwe izono zabo.

13. Athi kubo, Aniwazi na lo mzekeliso? Nòthini na ke ukuyazi imizekeliso yonke?

14. Umhlwayeli lo uhlwayela ilizwi.

15. Abo ke bangasendleni, apho ilizwi lihlwayelwa khona, ngaba kuthi, xa bathe beva, afike kwaoko uSathana, alithabathe ilizwi elihlwayelweyo ezintliziyweni zabo.

16. Ngokunjalo abo bahlwayelwayo ezindaweni ezilulwalwa ngabathi, xa bathe baliva ilizwi, balamkele kwaoko bevuya;

17. babe bengenangcambu ngaphakathi kwabo, beme umzuzwana kodwa; bathi kamva, kwakuhla imbandezelo, nokuba yintshutshiso, ngenxa yelizwi, bakhutyekiswe kwaoko.

18. Abo bahlwayelwayo emithaneni enameva ngaba, bathi balive ilizwi;

19. aze amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, neenkanuko zezinye izinto, zingène ziliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo.

20. Abo bahlwayelweyo kuwo umhlaba omhle ngaba, basakuthi balive ilizwi, balamkele, baxakathe isiqhamo, omnye amashumi amathathu, omnye amashumi amathandathu, nomnye ikhulu.

21. Wayesithi kubo, Isibane esi sikha siziswe ukuze sibekwe ngaphantsi kwesitya yini na, nokuba kuphantsi kwesingqengqelo? Asiziswa na ukuze sibekwe esiphathweni saso?

22. Kuba akukho nto ifihlakeleyo ingayi kubonakaliswa; kananjalo akubangakho nto ifihliweyo ingàfihlelwa ukuba ize ekuhléni.

23. Ukuba ubani uneendlebe zokuva, makeve.

24. Wayesithi kubo, Yilumkeleni into eniyivayo; umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa ngawo nani, kongezwe kuni nina nivayo.

funda isahluko epheleleyo Umarko 4