Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 3:24-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Nobukumkani, ukuba buthe bahlulelana bodwa, abunako ukuma obo bukumkani;

25. nendlu, ukuba ithe yahlulelana yodwa, ayinako ukuma loo ndlu;

26. noSathana, ukuba uthe wazichasa ngokwakhe, wahlulelana yedwa, akanako ukuma, uphelile.

27. Akukho unako ukuthi impahla yegorha angene endlwini yalo ayiphange, ukuba akathanga tanci alibophe igorha elo, andule ukuyiphanga indlu yalo.

28. Inene ndithi kuni, Zonke izono baya kuzixolelwa oonyana babantu, kwanezinyeliso abasukuba benyelisa ngazo;

29. ke yena othe wanyelisa uMoya oyiNgewele, akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lokugwetywa okungunaphakade.

funda isahluko epheleleyo Umarko 3