Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 2:9-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Okhona kulula kukuphi na: kukho ukuthi konedumbe, Ùzixolelwe izono; kukho nokuthi, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe?

10. Ke ukuze nazi ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (uthi konedumbe),

11. Ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.

12. Wavuka kwaoko, waluthabatha ukhuko, waphuma phambi kwabo bonke, ngokokude bathi nqa bonke, bamzukise uThixo, besithi, Asizanga sikubone okunje.

13. Wabuya waphuma waya ngaselwandle, saye sonke isihlwele sisiza kuye; wayebafundisa.

14. Wathi edlula, wabona uLevi, lo ka-Alifeyu, ehleli endaweni yerhafu; athi kuye, Ndilandele. Wesuka wamlandela.

15. Kwathi ekuhlaleni kwakhe ngasesithebeni endlwini yakhe, kwahlala nento eninzi yababuthi berhafu naboni ndawonye noYesu nabafundi bakhe; kuba babebaninzi, baye ke bemlandela.

16. Baye ababhali kwanabaFarisi, bakumbona esidla ndawonye nababuthi berhafu naboni, besithi kubafundi bakhe. Yini na ukuba adle asele nababuthi berhafu naboni?

17. Ekuvile ke oko uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo lifuneka kwabafayo. Andizé kubiza malungisa, ndizé kubiza aboni, ukuba baguquke.

funda isahluko epheleleyo Umarko 2