Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 2:23-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Kwathi ehamba ecanda emasimini ngesabatha, baqala abafundi bakhe ukuhamba besikha izikhwebu.

24. Baye besithi kuye abaFarisi, Khangela, yini na ukuba benze ngemini yesabatha oko kungavumelekileyo?

25. Wathi yena kubo, Anizanga niyilese na into awayenzayo uDavide, oko wayeswele, elambile nokulamba, yena nabo babenaye?

26. Okokuba wangena endlwini kaThixo ngexesha lika-Abhiyatare umbingeleli omkhulu, wazidla izonka ezibekwe phambi koThixo, ezo kungavumelekileyo ukuba zidliwe ngabo bangebabingeleli, wanika nabo babenaye?

27. Wayesithi kubo, Isabatha le yabakho ngenxa yomntu, asingumntu owabakhoyo ngenxa yesabatha.

28. Ngoko ke uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha.

funda isahluko epheleleyo Umarko 2