Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 2:2-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Kwaoko kwahlanganisana into eninzi yabantu, ngokokude kungabi sabakho kukhwelelana, nakule mimandla isemnyango; wayelithetha ke kubo ilizwi.

3. Kuthi kufike kuye abantu bezisa onedumbe, ethwelwe ngabané.

4. Bakuba bengenakusondela kuye ngenxa yendimbane, banqika entungo apho abekhona; bakuba begqobhozile, baluhlisa ukhuko abelele kulo lowo unedumbe.

5. Akulubona ke uYesu ukholo lwabo, wathi konedumbe, Mntwana wam, uzixolelwe izono zakho.

6. Kwaye ke kukho apho ababhali abathile behleli, becamanga ezintliziyweni zabo, besithi,

7. Yini na ukuba lo enjenje ukuthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, mnye kwaphela, nguThixo?

8. Eqiqe kwaoko uYesu ngomoya wakhe, ukuba benjenjalo ukucamanga ngaphakathi kwabo, wathi kubo, Yini na ukuba nicamange ezi zinto ezintliziyweni zenu?

9. Okhona kulula kukuphi na: kukho ukuthi konedumbe, Ùzixolelwe izono; kukho nokuthi, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe?

10. Ke ukuze nazi ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (uthi konedumbe),

11. Ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.

12. Wavuka kwaoko, waluthabatha ukhuko, waphuma phambi kwabo bonke, ngokokude bathi nqa bonke, bamzukise uThixo, besithi, Asizanga sikubone okunje.

13. Wabuya waphuma waya ngaselwandle, saye sonke isihlwele sisiza kuye; wayebafundisa.

14. Wathi edlula, wabona uLevi, lo ka-Alifeyu, ehleli endaweni yerhafu; athi kuye, Ndilandele. Wesuka wamlandela.

funda isahluko epheleleyo Umarko 2