Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 2:16-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Baye ababhali kwanabaFarisi, bakumbona esidla ndawonye nababuthi berhafu naboni, besithi kubafundi bakhe. Yini na ukuba adle asele nababuthi berhafu naboni?

17. Ekuvile ke oko uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo lifuneka kwabafayo. Andizé kubiza malungisa, ndizé kubiza aboni, ukuba baguquke.

18. Baye abafundi bakaYohane nababaFarisi bezila ukudla; beze bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane nababaFarisi bazile ukudla, kanti ke abakho abafundi abakuzili bona?

19. Wathi uYesu kubo, Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukuzila ukudla, xa anabo umyeni? Lo gama wonke asekubo umyeni, abanako ukuzila ukudla.

20. Ke kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni; baya kwandula ke ukuzila ngaloo mihla.

21. Akukho uthungela isiziba somchako omtsha engutyeni endala; okanye ke eso sifakiweyo, sitsha, sokrazula kuyo endala, sibe sibi ngokunye isikroba.

22. Kanjalo akukho utha iwayini entsha ezintsubeni ezindala; okanye iwayini, leyo intsha, yozigqabhuza iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale neentsuba; yona iwayini entsha imelwe kukuthiwa ezintsubeni ezintsha.

23. Kwathi ehamba ecanda emasimini ngesabatha, baqala abafundi bakhe ukuhamba besikha izikhwebu.

24. Baye besithi kuye abaFarisi, Khangela, yini na ukuba benze ngemini yesabatha oko kungavumelekileyo?

25. Wathi yena kubo, Anizanga niyilese na into awayenzayo uDavide, oko wayeswele, elambile nokulamba, yena nabo babenaye?

26. Okokuba wangena endlwini kaThixo ngexesha lika-Abhiyatare umbingeleli omkhulu, wazidla izonka ezibekwe phambi koThixo, ezo kungavumelekileyo ukuba zidliwe ngabo bangebabingeleli, wanika nabo babenaye?

27. Wayesithi kubo, Isabatha le yabakho ngenxa yomntu, asingumntu owabakhoyo ngenxa yesabatha.

28. Ngoko ke uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha.

funda isahluko epheleleyo Umarko 2