Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 2:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwakuba ntsuku, wabuya wangena eKapernahum; kwavakala ukuba usekhaya,

2. Kwaoko kwahlanganisana into eninzi yabantu, ngokokude kungabi sabakho kukhwelelana, nakule mimandla isemnyango; wayelithetha ke kubo ilizwi.

3. Kuthi kufike kuye abantu bezisa onedumbe, ethwelwe ngabané.

4. Bakuba bengenakusondela kuye ngenxa yendimbane, banqika entungo apho abekhona; bakuba begqobhozile, baluhlisa ukhuko abelele kulo lowo unedumbe.

5. Akulubona ke uYesu ukholo lwabo, wathi konedumbe, Mntwana wam, uzixolelwe izono zakho.

6. Kwaye ke kukho apho ababhali abathile behleli, becamanga ezintliziyweni zabo, besithi,

7. Yini na ukuba lo enjenje ukuthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, mnye kwaphela, nguThixo?

funda isahluko epheleleyo Umarko 2