Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 16:7-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Hambani ke niye, nibaxelele abafundi bakhe noPetros ukuthi, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho, njengokuba wayetshilo kuni.

8. Baphuma ke kamsinya, babaleka engcwabeni. Baye ke bephethwe lungcangcazelo nokuthi nqa; àbathetha nto nakubani, kuba babesoyika.

9. Ke kaloku wathi uYesu, evuke ekufeni kusasa ngolokuqala usuku lweveki, wabonakala kuqala kuMariya waseMagadala, awayekhuphe kuye iidemon zasixhenxe.

10. Waya yena wabikela ababenaye, bakubon' ukuba bakhedamile, bayalila.

11. Basuka nabo, bakuva ukuba uhleli, nokuba ukhe wabonwa nguye, àbakholwa.

12. Emveni koko ke, wabonakaliswa ngesinye isimo kwababini bakubo, behamba besinga emaphandleni.

13. Nabo baya babikela abanye; àbakholwa nangabo.

14. Kamva wabonakalaliswa kwabalishumi elinamnye, behleli ngasesithebeni; wakungcikiva ukungakholwa kwabo, nobulukhuni beentliziyo zabo; ngokuba bengakholwanga ngabo babembonile evukile.

15. Wathi kubo, Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezilungileyo kuyo yonke indalo.

16. Lowo ukholiweyo wabhaptizwa, wosindiswa; ke yena ongakholwanga, wogwetywa.

17. Imiqondiso ke eya kulandelana nabo bakholiweyo nantsi: egameni lam baya kukhupha iidemon; baya kuthetha ngeelwimi ezintsha;

18. baya kuphatha iinyoka; nokuba bathe basela into ebulalayo, ayikukha ibenzakalise bona; baya kubeka izandla phezu kwemilwelwe, iphile.

19. Yathi okunene ngoko yona iNkosi, emveni kokuthetha kubo, yanyuselwa emazulwini, yahlala ngasekunene kukaThixo.

funda isahluko epheleleyo Umarko 16