Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 15:9-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Wabaphendula ke uPilato, esithi, Nithanda ukuba ndinikhululele ukumkani wamaYuda na?

10. Kuba ebesazi ukuba ababingeleli abakhulu abo bamnikele ngomona.

11. Ke bona ababingeleli abakhulu bayixhokonxa indimbane, ukuba icele ukuba kanye abakhululele uBharabhas.

12. Wabuya waphendula ke uPilato, wathi kubo, Ninga ndingamenzani na ngoko lowo nithi nguKumkani wamaYuda?

13. Babuya ke bankqangaza bathi, Mbethelele emnqamlezweni!

14. Wathi ke uPilato kubo, Kuba enze bubi buni na? Kwaba kukhona ke bancamisayo ukunkqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni!

15. Ke kaloku uPilato, ngokunga angasithomalalisa isihlwele, wabakhululela uBharabhas. Emtyakatyile ke uYesu, wamnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni.

16. Athi amasoldati amrholele ngaphakathi kwentendelezo, oko kukuthi endlwini yerhuluneli; alibizèle ndawonye ibutho lawo liphela;

17. amambathise ngebomvu; alùke isithsaba sameva, amthi jize ngaso, aqale ukumbulisa, athi,

18. Aa! Kumkani wamaYuda!

19. Ayembetha entloko ngengcongolo; ayemtshicela; ayeguqa ngamadolo, aqubude kuye.

20. Athi akuba edlale ngaye, amhluba ebomvu, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrholela phandle, ukuze ambethelele emnqamlezweni.

21. Anyanzela umhambi othile, uSimon waseKirene, evela ephandleni, lowo nguyise ka-Alesandire noRufo, ukuba awuthwale umnqamlezo wakhe.

22. Amzisa endaweni yeGologota, oko kukuthi ngentetho evakalayo, yindawo yokakayi.

23. Ayemnika iwayini enemore,* ukuba ayisele; kodwa akayamkelanga.

24. Athi akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso ngazo, ukuze uthile athabathe ethile.

25. Ke kaloku, laye ililixa lesithathu, abambethelela ngalo emnqamlezweni.

26. Waye umbhalo wetyala lakhe ubhalwe ngaphezulu, kwathiwa, UKUMKANI WAMAYUDA.

27. Kwaye kubethelelwe naye eminqamlezweni izihange zizibini, esinye ngasekunene, esinye ngasekhohlo kwakhe.

28. Sazaliseka ke eso sibhalo sithi, Wabalelwa kwabachasene nomthetho.

29. Baye abadlulayo bemnyelisa, behlunguzela iintloko zabo, besithi, Uha! Wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu,

funda isahluko epheleleyo Umarko 15