Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 15:40-47 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. Kwaye ke kukho nabafazi, bekhangele bemgama; kubo apho wayenguMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi omnci nokaYose, kwanoSalome;

41. ababesithi, oko ebeba kwelaseGalili, bamlandele, bamlungiselele; nabanye abaninzi, ababenyuke naye ukuya eYerusalem.

42. Kuthe sekuhlwile, ekubeni ibiyimini yokulungiselela, oko kukuthi ngumhla ophambi kwesabatha,

43. kweza uYosefu, owaseArimati, umphakathi obekekileyo, owayebulindile naye ubukumkani bukaThixo; waya kungena ngobuganga kuPilato, wacela umzimba kaYesu.

44. Wamangaliswa ke uPilato kukuba selefile. Ebizele kuye umthetheli-khulu, wambuza ukuba uselenexesha na efile.

45. Wathi akuqonda kumthetheli-khulu lowo, wamnika uYosefu umzimba.

46. Yena, ethenge ilinen entle, wamthula; wamsongela kuyo ilinen entle; wamlalisa engcwabeni elalixholwe eweni; waqengqela ilitye emnyango wengcwaba.

47. Baye ke ooMariya waseMagadala, noMariya unina kaYose, bebona apho wayebekwe khona.

funda isahluko epheleleyo Umarko 15