Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 15:34-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

34. Ngalo ilixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eloyi! Eloyi! Lama sabhaktani? Oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thixo wam!

35. Thixo wam! undishiyeleni na? Inxenye yababemi khona yakuva yathi, Yabonani, ubiza uEliya.

36. Wagidima ke omnye, wazalisa imfunxa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza, esithi, Khanenze kuhle, khe sibone ukuba uEliya woza kumthula na.

37. Wathi ke uYesu, ekhuphe izwi elikhulu, waphuma umphefumlo.

38. Lathi ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathela phezulu lada lesa phantsi.

39. Ebonile ke umthetheli-khulu obemi malunga naye, ukuba wenjenjalo ukudanduluka waphuma umphefumlo, uthe, Inyaniso, lo mntu ubenguNyana kaThixo.

40. Kwaye ke kukho nabafazi, bekhangele bemgama; kubo apho wayenguMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi omnci nokaYose, kwanoSalome;

funda isahluko epheleleyo Umarko 15