Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 15:28-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Sazaliseka ke eso sibhalo sithi, Wabalelwa kwabachasene nomthetho.

29. Baye abadlulayo bemnyelisa, behlunguzela iintloko zabo, besithi, Uha! Wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu,

30. zisindise, uhle emnqamlezweni.

31. Ngokukwanjalo nababingeleli abakhulu, bedlala ngaye phakathi kwabo, benababhali, babesithi, Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa.

32. UKristu,* uKumkani wakwaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni, ukuze sibone, sikholwe. Baye nabo babebethelelwe eminqamlezweni kunye naye bemngcikiva.

33. Ke kaloku lakuba lilixa lesithandathu, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwalilixa lesithoba.

34. Ngalo ilixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eloyi! Eloyi! Lama sabhaktani? Oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thixo wam!

35. Thixo wam! undishiyeleni na? Inxenye yababemi khona yakuva yathi, Yabonani, ubiza uEliya.

36. Wagidima ke omnye, wazalisa imfunxa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza, esithi, Khanenze kuhle, khe sibone ukuba uEliya woza kumthula na.

37. Wathi ke uYesu, ekhuphe izwi elikhulu, waphuma umphefumlo.

38. Lathi ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathela phezulu lada lesa phantsi.

39. Ebonile ke umthetheli-khulu obemi malunga naye, ukuba wenjenjalo ukudanduluka waphuma umphefumlo, uthe, Inyaniso, lo mntu ubenguNyana kaThixo.

funda isahluko epheleleyo Umarko 15