Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 15:26-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Waye umbhalo wetyala lakhe ubhalwe ngaphezulu, kwathiwa, UKUMKANI WAMAYUDA.

27. Kwaye kubethelelwe naye eminqamlezweni izihange zizibini, esinye ngasekunene, esinye ngasekhohlo kwakhe.

28. Sazaliseka ke eso sibhalo sithi, Wabalelwa kwabachasene nomthetho.

29. Baye abadlulayo bemnyelisa, behlunguzela iintloko zabo, besithi, Uha! Wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu,

30. zisindise, uhle emnqamlezweni.

31. Ngokukwanjalo nababingeleli abakhulu, bedlala ngaye phakathi kwabo, benababhali, babesithi, Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa.

32. UKristu,* uKumkani wakwaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni, ukuze sibone, sikholwe. Baye nabo babebethelelwe eminqamlezweni kunye naye bemngcikiva.

33. Ke kaloku lakuba lilixa lesithandathu, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwalilixa lesithoba.

34. Ngalo ilixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eloyi! Eloyi! Lama sabhaktani? Oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thixo wam!

funda isahluko epheleleyo Umarko 15