Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 15:16-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Athi amasoldati amrholele ngaphakathi kwentendelezo, oko kukuthi endlwini yerhuluneli; alibizèle ndawonye ibutho lawo liphela;

17. amambathise ngebomvu; alùke isithsaba sameva, amthi jize ngaso, aqale ukumbulisa, athi,

18. Aa! Kumkani wamaYuda!

19. Ayembetha entloko ngengcongolo; ayemtshicela; ayeguqa ngamadolo, aqubude kuye.

20. Athi akuba edlale ngaye, amhluba ebomvu, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrholela phandle, ukuze ambethelele emnqamlezweni.

21. Anyanzela umhambi othile, uSimon waseKirene, evela ephandleni, lowo nguyise ka-Alesandire noRufo, ukuba awuthwale umnqamlezo wakhe.

22. Amzisa endaweni yeGologota, oko kukuthi ngentetho evakalayo, yindawo yokakayi.

23. Ayemnika iwayini enemore,* ukuba ayisele; kodwa akayamkelanga.

funda isahluko epheleleyo Umarko 15