Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 15:12-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Wabuya waphendula ke uPilato, wathi kubo, Ninga ndingamenzani na ngoko lowo nithi nguKumkani wamaYuda?

13. Babuya ke bankqangaza bathi, Mbethelele emnqamlezweni!

14. Wathi ke uPilato kubo, Kuba enze bubi buni na? Kwaba kukhona ke bancamisayo ukunkqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni!

15. Ke kaloku uPilato, ngokunga angasithomalalisa isihlwele, wabakhululela uBharabhas. Emtyakatyile ke uYesu, wamnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni.

funda isahluko epheleleyo Umarko 15