Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 15:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Bathi, kwaoko kwakusa, ababingeleli abakhulu benza ibhunga, ndawonye namadoda amakhulu, nababhali, nentlanganiso yamatyala iphelele; bambopha uYesu bemka naye, bamnikela kuPilato.

2. UPilato wambuza esithi, Unguye na ukumkani wamaYuda? Waphendula ke yena wathi kuye, Nawe utsho.

3. Baye bemmangalela ke ngeendawo ezininzi ababingeleli abakhulu.

4. Wabuya ke uPilato wambuza, esithi, Akuphenduli nento na? Khangela ukuba zininzi kwazo iindawo abazingqina ngawe.

5. Noko ke uYesu akabanga saphendula nto yena, ngokokude amangaliswe uPilato.

6. Ke kaloku imithendeleko ngemithendeleko ubeqhele ukubakhululela umbanjwa abe mnye, abasukuba bemcela.

7. Kwaye kukho ke obekuthiwa nguBharabhas, ebotshwe ndawonye nabanye abenzi besaqunge, ababulaláyo nokubulala esaqungeni apho.

8. Sankqangaza isihlwele, saqala ukucela, ukuba enze ngoko abehlala esenza ngako kubo.

9. Wabaphendula ke uPilato, esithi, Nithanda ukuba ndinikhululele ukumkani wamaYuda na?

10. Kuba ebesazi ukuba ababingeleli abakhulu abo bamnikele ngomona.

11. Ke bona ababingeleli abakhulu bayixhokonxa indimbane, ukuba icele ukuba kanye abakhululele uBharabhas.

12. Wabuya waphendula ke uPilato, wathi kubo, Ninga ndingamenzani na ngoko lowo nithi nguKumkani wamaYuda?

funda isahluko epheleleyo Umarko 15