Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 14:61-72 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

61. Wahlala ke yena wathi tu, akaphendula nento. Wabuya umbingeleli omkhulu wambuza, wathi kuye, Unguye na uKristu,* uNyana waLowo ungowokubongwa?

62. Uthe ke uYesu, Ndinguye; niya kumbona nokumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza namafu ezulu.

63. Usuka ke umbingeleli omkhulu azikrazule iingubo zakhe, athi, Sisawafunelani na amangqina?

64. Nikuvile ukunyelisa; kunjani kuni nina?Bamgweba ke bonke ukuba unetyala lokuba afe.

65. Yaqala inxenye ukumtshicela, nokumgqubuthela ubuso, nokumntlitha, nokuthi kuye, Profeta; ayé amadindala emtywakraza.

66. Kuthi ke, akubon' ukuba uPetros usentendelezweni ngezantsi, kuze omnye umkhonzazana wombingeleli omkhulu, ambone uPetros esotha,

67. ondele kuye, athi, Nawe ubunaye uYesu waseNazarete.

68. Wakhanyela ke esithi, Andiyazi, andiyiqondi kanye into oyithethayo wena. Waphuma waya phandle kwengaphambili intendelezo; yalila ke inkuku.

69. Umkhonzazana ubuye wambona, waqala ukuthi kwabo babemi khona, Lo ngowakubo.

70. Waphinda ke wakhanyela. Kuthe, kwakuba mzuzwana, babuya abo babemi khona, bathi kuPetros, Inyaniso, ùngowakubo; kuba ungowaseGalili, nokuthetha kwakho kuyafana nokwabo.

71. Waqala ke ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu nimthethayo.

72. Yalila okwesibini inkuku. Walikhumbula ke uPetros ilizwi, abelithethile uYesu kuye, lokuthi, Ingekalili inkuku kabini, uya kundikhanyela kathathu. Wathi akucinga, walila.

funda isahluko epheleleyo Umarko 14