Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 14:55-64 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

55. Baye ke ababingeleli abakhulu, nayo intlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina ngaye uYesu bokuze bambulalise; bengabufumani.

56. Kuba babebaninzi ababengqina ubuxoki ngaye, baye ubungqina babo bungayelelani.

57. Basuka abathile bangqina ubuxoki ngaye, besithi,

58. Thina samva yena esithi, Mna ndiya kuyichitha le tempile yenziweyo ngezandla, ndize ngeentsuku ezintathu ndakhe enye engenziwe ngazandla.

59. Baye bungayelelani kwangokunjalo nobabo ubungqina.

60. Wesuka wema phakathi umbingeleli omkhulu, wambuza uYesu, esithi, Akuphenduli nento le na? bangqina ntoni na aba ngawe?

61. Wahlala ke yena wathi tu, akaphendula nento. Wabuya umbingeleli omkhulu wambuza, wathi kuye, Unguye na uKristu,* uNyana waLowo ungowokubongwa?

62. Uthe ke uYesu, Ndinguye; niya kumbona nokumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza namafu ezulu.

63. Usuka ke umbingeleli omkhulu azikrazule iingubo zakhe, athi, Sisawafunelani na amangqina?

64. Nikuvile ukunyelisa; kunjani kuni nina?Bamgweba ke bonke ukuba unetyala lokuba afe.

funda isahluko epheleleyo Umarko 14