Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 14:47-60 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

47. Uthe ke omnye wabo babemi khona, warhola ikrele, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqumla indlebe.

48. Waphendula uYesu wathi kubo, Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, nanga niphumele isihange?

49. Bendikuni imihla ngemihla etempileni ndifundisa, anandibamba; kodwa kunje, ukuze zizaliseke izibhalo.

50. Bamshiya bonke, babaleka.

51. Wayelandelwa yindodana ethile, ithe wambu ilinen entle emzimbeni; asuka ayibamba ke amadodana.

52. Ithe yayilahla ilinen entle leyo, yabaleka kubo izé.

53. Bamrholela uYesu kumbingeleli omkhulu, babuthelana kuye bonke ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nababhali.

54. Waza uPetros wamlandela, ebekele kude, wada waya ngaphakathi entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu; waye ehleli phantsi ndawonye namadindala, esotha umlilo.

55. Baye ke ababingeleli abakhulu, nayo intlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina ngaye uYesu bokuze bambulalise; bengabufumani.

56. Kuba babebaninzi ababengqina ubuxoki ngaye, baye ubungqina babo bungayelelani.

57. Basuka abathile bangqina ubuxoki ngaye, besithi,

58. Thina samva yena esithi, Mna ndiya kuyichitha le tempile yenziweyo ngezandla, ndize ngeentsuku ezintathu ndakhe enye engenziwe ngazandla.

59. Baye bungayelelani kwangokunjalo nobabo ubungqina.

60. Wesuka wema phakathi umbingeleli omkhulu, wambuza uYesu, esithi, Akuphenduli nento le na? bangqina ntoni na aba ngawe?

funda isahluko epheleleyo Umarko 14