Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 14:41-51 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

41. Afike okwesithathu, athi kubo, Lalani ngoku niphumle; kwanele; lifikile ilixa; yabonani, uNyana woMntu uyanikelwa ezandleni zaboni.

42. Vukani sihambe; yabonani, lowo undinikelayo usondele.

43. Kwaoko, esathetha, uthi qatha uYuda, owayengoweshumi elinababini, enendimbane enkulu, inamakrele neentonga, isuka kubo ababingeleli abakhulu, nakubabhali, nakuwo amadoda amakhulu.

44. Ke kaloku, lowo umnikelayo waye ebanike umqondiso, esithi, Lowo ndithe ndamanga, nguye; mbambeni, nimrhole nimnqabisile.

45. Efikile, uye kuye kwaoko, athi, Rabhi, Rabhi;* wamanga.

46. Bamsa ke isandla, bambamba.

47. Uthe ke omnye wabo babemi khona, warhola ikrele, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqumla indlebe.

48. Waphendula uYesu wathi kubo, Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, nanga niphumele isihange?

49. Bendikuni imihla ngemihla etempileni ndifundisa, anandibamba; kodwa kunje, ukuze zizaliseke izibhalo.

50. Bamshiya bonke, babaleka.

51. Wayelandelwa yindodana ethile, ithe wambu ilinen entle emzimbeni; asuka ayibamba ke amadodana.

funda isahluko epheleleyo Umarko 14