Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 14:33-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. athabathe naye uPetros noYakobi noYohane. Waqala ukuqhiphuka umbilini, nokudandatheka kakhulu.

34. Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde.

35. Ehambele phambili umganyana, wawa emhlabeni, wathandazela, ukuba kunokwenzeka, lidlule kuye ilixa elo.

36. Wayesithi, Abha,* Bawo, zonke izinto zinokwenzeka kuwe; yigqithise kum le ndebe; noko ke makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe.

37. Uyeza, abafumane belele; athi kuPetros, Simon, ulele na? Ubungenakulinda noko lilinye na ilixa?

38. Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.

39. Wabuya wemka wathandaza, ethetha kwalona elo lizwi.

40. Uthe akubuya, wabafumana bebuye balala; kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo; baye bengazi into abangamphendula yona.

41. Afike okwesithathu, athi kubo, Lalani ngoku niphumle; kwanele; lifikile ilixa; yabonani, uNyana woMntu uyanikelwa ezandleni zaboni.

42. Vukani sihambe; yabonani, lowo undinikelayo usondele.

43. Kwaoko, esathetha, uthi qatha uYuda, owayengoweshumi elinababini, enendimbane enkulu, inamakrele neentonga, isuka kubo ababingeleli abakhulu, nakubabhali, nakuwo amadoda amakhulu.

44. Ke kaloku, lowo umnikelayo waye ebanike umqondiso, esithi, Lowo ndithe ndamanga, nguye; mbambeni, nimrhole nimnqabisile.

45. Efikile, uye kuye kwaoko, athi, Rabhi, Rabhi;* wamanga.

funda isahluko epheleleyo Umarko 14