Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 14:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku bekuza kubakho ipasika,* izonka ezingenagwele, emveni kweentsuku ezimbini; baye ke ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangáthini na ukumbamba ngenkohliso, bambulale.

2. Babesithi ke, Makungabi khona ngomthendeleko, hleze kubekho isaqunge sabantu.

3. Kuthe eseBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, akubon' ukuba uhleli, kweza umfazi enehlala lelabhastile,* linamafutha enadusi* engangxengelelweyo, exabiso likhulu; walityumza ihlala elo lelabhastile, wamgalela ngawo entloko.

4. Kwaye ke kukho abathile abacaphukáyo phakathi kwabo, besithi, Yenzelweni na le nkcitho yamafutha aqholiweyo?

5. Kuba la mafutha bekungáthengiswayo ngawo ngenani elingaphezu kweedenariyo* ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu; basuka bamfuthela.

6. Uthe ke uYesu, Myekeni; nimaphulelani na? Usebenzé umsebenzi omhle kum;

7. kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo, nize xa sukuba nithanda, nibe nako ukuwenzela okulungileyo; ke mna anihleli ninam.

8. Yena ukwenzile abénako; uphange weza wawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam.

9. Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.

10. UYuda Sikariyoti, omnye kwabeshumi elinababini, wesuka waya kubabingeleli abakhulu, ukuba amnikele kubo.

11. Bathi ke bona bakuva bavuya; bambeka ngedinga lokumnika imali. Wayefuna ukuba angáthini na ukumnikela ngexesha elimlungeleyo.

12. Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, xa bekubingelelwa imvana yepasika, bathi kuye abafundi bakhe, Ùnga singaya kulungisa phi na, ukuze uyidle ipasika?

funda isahluko epheleleyo Umarko 14