Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 13:30-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho.

31. Liya kudlula izulu nehlabathi, ke wona amazwi am akasayi kudlula.

32. Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, àzazi nezithunywa ezisemazulwini, akazi noNyana lo, kuphela nguYise.

33. Lumkani, musani ukulala, thandazani. Kuba anilazi ukuba linini na ixesha elo;

34. njengokuba wathi umntu ehambela kwelinye, eshiya indlu yakhe, wabanika igunya abakhonzi bakhe, elowo wamnika umsebenzi wakhe, waza umgcini-mnyango wamwisela umthetho ukuba alinde.

35. Lindani ngoko, ngokuba ningàkwazi ukuba kunini na ukuza komninindlu: kuko ngokuhlwa, kuko phakathi kobusuku, kuko ekulileni kweenkuku, kuko kusasa;

36. hleze afike ngebhaqo, anifumane nilele.

37. Oko ndikutsho kuni, ndikutsho kubo bonke, Lindani.

funda isahluko epheleleyo Umarko 13