Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 13:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwakubon' ukuba uyaphuma etempileni, uthi omnye umfundi wakhe kuye, Mfundisi, uyawabona na la matye angaka, nezi zakhiwo zingaka?

2. Waphendula uYesu wathi kuye, Uyazibona na ezi zakhiwo zikhulu? Akusayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.

3. Baye, akubon' ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma malungana netempile, bembuza ngasese ooPetros noYakobi noYohane noAndreya, besithi,

4. Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto, nokuba úya kuba yini na umqondiso, xa zonke ezo zinto ziza kupheliswa.

5. Wabaphendula ke uYesu waqala ukuthi, Lumkani ningalahlekiswa bani;

6. kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguye uKristu,* balahlekise into eninzi.

funda isahluko epheleleyo Umarko 13